Software Development Engineer

Amazon - Cape Town, Province of the Western Cape

Job closed

Contract

Contract type
Permanent
Application deadline
22/05/2020

Description

Position
Software Development Engineer
Vacancies
1
Description

Ingaba ufuna ukuyila, ukuphuhlisa kunye nokusebenza ngeenkqubo zeekhompyutha kumgangatho ofumaneka kuphela kwiinkampani ezimbalwa ehlabathini? Ingaba ufuna ukufunda uze wabelane ngolwazi lwakho nezinye zezona njineli zeenkqubo zekhompyutha kolu shishino?


IZiko loPhuhliso le-Amazon eliseMzantsi Afrika (Amazon Development Centre South Africa) likhangela iinjineli ezikuthanda ngokungazenzisiyo ukuphuhlisa iinkqubo zeekhompyutha ukuba zizibandakanye kunye nathi zize zincede ukusombulula iseti yeengxaki ezingumngeni kushishino oluphuphumayo ngamathuba.


I-AWS (Amazon Web Services) ibonelela abathengi abangabaphuhlisi bakwa-Amazon ngokufikelela kwiinkonzo ezisisiseko esingundoqo nezisemafini ngomgangatho nezisekwe kwiqonga lobuchwepheshe lakwa-Amazon, obunokusetyenziswa ngabaphuhlisi ukuze baseke naluphina uhlobo lweshishini.


Iziko loPhuhliso eliseKapa lidlala indima ebalulekileyo ekwakheni i-Amazon Elastic Compute Cloud (EC2). Le EC2 yinkonzo yewebhu enguvulindlela kwi-cloud computing ngokubonelela ngomthamo wekhompyutha onokutshintshwa ubungakanani bawo kwilifu (cloud).

Esi sikhundla saziswe apha sikwiqela elinoxanduva lokwakha kunye nokusebenzisa indlela kunye nesicwangciso esivelisa isiphumo kwindlela yokucinga komthengi ojongene nee-EC2 API. Iqela lethu lidlala indima ebalulekileyo ekuziseni phantse zonke iimpawu ze-EC2, libonisa lisazisa iinjineli zethu kwiiprojekthi ezininzi kunye namaqela aphakathi kwi-AWS.


Oyena mgqatswa ofezekileyo uza kuba ngolithanda ngokungazenzisiyo ithuba elihle eliziswa yi-Amazon EC2 kunye neenkonzo zewebhu ngokubanzi.


Basic Qualifications

· BS/MS kwiNzululwazi yeKhompyutha (Computer Science) okanye elinganayo
· Ukuqwalasela abathengi
· 5+ iminyaka yamava kushishino kwindawo ephuhlisa iinkqubo zekhompyutha, kuquka ixesha lokuba ngumqeshwa omtsha nongenamava kushishino
· Ubungcali kuzo naziphi na ezi nkqubo Java, Kotlin, Ruby, Perl, Scala, C/C++ okanye C#
· Ubuchule bokuqwalasela abathengi
· Iziseko zomgangatho ophezulu zenzululwazi yekhompyutha
· Izakhono zokuhlalutya ngobuchule kunye nokwazi ngokugqwesileyo ukusombulula iingxaki









Preferred Qualifications

Sikhangela injineli yophuhliso lweenkqubo zekhompyutha enamava nekuthanda ngokungazenzisiyo ukwakha iimveliso ezisemgangathweni esebenza kwiqela elenziwe ngabantu abahlukahlukileyo, abenza imisebenzi emininzi kunye nabazimeleyo.

Umgqatswa ophumeleleyo:
· Ingqwalasela yakhe ijolise kumthengi
· Ukhathalele ukuphumeza iinjongo ezinabileyo
· Uzisa usetyenziso (app) olukumgangatho ophezulu, oluqulethe okutsha
· Unezakhono zobuchule bokuhlalutya kwaye uyakwazi ukusombulula iingxaki.
· Ufuna ukwakha, uziva engumnini, ekwazi okungxamisekileyo, kwaye ekhuthele
Unezakhono ezifanelekileyo zonxibelelwano ngomlomo nangokubhaliweyo

I-Amazon ingumqashi onika amathuba alinganayo, futhi sazisa intshisekelo yakho yokuthola okusha, ukuqhamuka nokusha, ukwenzalulakanyenokwakha. Semukela izicelo zomsebenzi ezivela kuwo wonke amalungu omphakathi kungakhathalisekile iminyaka yobudala, ubulili, ukukhubazeka, onobudlelwane obuphathelene nocansi nabo, uhlanga, inkolo noma okholelwa kukho. I-Amazon izimisele kakhulu ngokuphathelene nokwehlukahluka kwabantu kanye Nokuqashwa Ngokulingana emsebenzini kanye nokuphinde kube nemiqondo enhlobonhlobo. Ngenxa yalokhu, imithetho kanye nemigomo efanele ehambisana Nokuqashwa Ngokulingana kuzobhekelelwa uma kuqashwa. Umthetho udinga ukuthi siqinisekise ukwazi kwakho ukusebenza ngokusemthethweni eNingizimu Afrika. I-Amazon idinga ukuthi ufake ikhophi eyodwa phakathi kukamazisi noma i-passport yakho kanye nanoma yimaphi amaphepha emvume yokusebenza afanele uma ungowokufika kuleli, kanye ne-curriculum vitae yakamuva.

Requirements

Min education
Secondary school
Required experience
none Years
Nationality
Not defined
Languages
Not defined
Specializations
Skills
Not defined
Prerequisites

.

Company

Employer name

Amazon

Did not find vacancies of your interest?

Register to be informed when we have suitable positions for your profile.
By registering, you accept our Terms and conditions